47
pages
Xhosa
Ebooks
2022
Vous pourrez modifier la taille du texte de cet ouvrage
Obtenez un accès à la bibliothèque pour le consulter en ligne En savoir plus
Découvre YouScribe en t'inscrivant gratuitement
Découvre YouScribe en t'inscrivant gratuitement
47
pages
Xhosa
Ebooks
2022
Vous pourrez modifier la taille du texte de cet ouvrage
Obtenez un accès à la bibliothèque pour le consulter en ligne En savoir plus
Publié par
Date de parution
01 juillet 2022
Nombre de lectures
2
EAN13
9781776251667
Langue
Xhosa
Poids de l'ouvrage
1 Mo
Morena loves his new school! There are so many fun extramural activities and games to play that he and his friends have set up their own championship. Before school starts and at break Morena and his friends plays marbles, cards, soccer and shoot hoops. After school they take the soccer online or jump into go-karts. Morena is determined to get all the points!
But it isn’t just sports that he excels at, he can come up with a rap song on the spot and has a hilarious idea for an assignment that involves bringing your favourite traditional food to school. He can’t wait to see the teacher’s reaction after the whole class experiences the effects of eating samp and beans!
If there’s one thing Morena takes seriously it is being the captain of his school’s softball team. He is good at pitching and his twin sister Rorisang is an excellent batter. But their team keeps losing! Morena isn’t scared of a challenge, he’ll try his best at any game to be a superstar. How can he help his team to do their best?
A heart-warming story that celebrates family, friendship and working together.
Publié par
Date de parution
01 juillet 2022
Nombre de lectures
2
EAN13
9781776251667
Langue
Xhosa
Poids de l'ouvrage
1 Mo
Iincwadi zabantwana zakwaPan Macmillan
www.panmacmillan.co.za
Chapter 1
Ugqatso olude oluya enkululekweni
UTata ugqibe ekubeni siqale ukubaleka kunye rhoqo kusasa. Ndingukapteni weqela le- softball kwaye uTata uthi kufanele ndizilolonge ndikulungele ukudlala ukuba ndifuna ukukhokelela iqela lam enkululekweni.
Ukhe aporhe ke uTata. Ndidla ngokuvuka xa kuyimizuzu nje elishumi elinesihlanu phambi kokuba ndihambe ndiye esikolweni kodwa ngoku yena ufuna ndivuke phambi kokuba kuphume ilanga? Eyona nto ingakholelekiyo kweli qhinga lakhe kukuba uyakuthanda ukulala kanye ngale ndlela ndikuthanda ngayo nam.
‘Vuka, vuka! Vuka Morena!’ UTata ungxola atsho engena kwigumbi lam lokulala, elayita ecima izibane.
‘Haaaaaaayi, Tata ... Kuselithuba,’ ndimbomba nditsho.
‘Lixesha lokuba siye kubaleka,’ utsho uTata. ‘Phakama, Phakama, Phakama!’
Ndiyazirhuqa ukuphuma ebhedini ndinxibe iimpahla zokubaleka amehlo ndiwavule kancinci. UTata kufuneka andingqinibe ukundivusa njengokuba ndiyayatheka ngelixa ndibopha imitya.
Emva kokunxiba ndiyamlandela kobo bumnyama basekuseni.
‘Ingxaki yakho kukungazimiseli, mfana wam,’ utsho uTata ngelixa siphuma esangweni. ‘Unaso sona isiphiwo, kodwa asizikukusa ndawo xa ulibala apho uya khona.’
Kusekuseni kakhulu ukuba umntu angazenza enye yeeprojekthi zikaTata, ngoko ke ndinqwala nje ndizitsale ndithathe inyathelo elinye ngexesha.
Ngethuba sibaleka sinyuka iqhina, intloko yam igcwele zonke iinkumbulo zomdlalo wam wokuqala we- softball . Enjani yona intlekele! Sabethwa kakubi lelinye iqela kangangokuba nalo elo qela lade lasisizela. Umdlalo we- softball usandula kufakwa esikolweni sethu, kodwa nangona kunjalo, ukutywatyushwa ngolwa hlobo kwaba buhlungu.
‘Khawutsho, uzakuba yinkokheli enjani?’ uyabuza uTata, ephazamisa iingcinga zam. ‘Uzakuba yintshatsheli okanye inxalenye yeqela?’
‘Intoooni?’ Ndiyashwantshwatha, ngelixa ndisula ukubila emehlweni.
‘Iintshatsheli zinesiphiwo esikhulu. Ziyayazi loo nto kwaye ziyayibonisa. Zikhuthaza abanye xa begqwesa kwinto abayenzayo. Okanye ... ingaba ngumdlali oyinxalenye yeqela. Yena ke ungula mdlali othi ngaphandle kokunakana isiphiwo sakhe, azibone elilungu leqela. Bobabini aba bantu bayawenza umsebenzi, wena ukhetha omphi?’
‘Yhoooo, Tata. Kunyanzelekile ukuba ndikhethe ngoku? Kunzima nokuba ndivule amehlo,’ ndiphendula nditsho.
‘Ngokukhawuleza, nyana, ngokukhawuleza. Sele nitywatyushiwe kumdlalo wokuqala. Kufuneka ukhawuleze, kungenjalo abanye bazakukukhethela.’
Yho. UTata wam kufuneka aphole. Uyithathela phezulu kakhulu yonke le nto.
Chapter 2
Ukuziqhelanisa kukwenza ugqibelele
Mna newele lam uRorisang oko besiziqhelanisa ne- softball ekhaya. Mandithi kufutshane nasekhaya. Ngenye imini uMama wabangqwabalala emva kokuba ibhola idlule kancinci phezu kwentloko yakhe eyadini yasekhaya.
‘Morena noRorisang, phumani! Phumani eyadini yam nalo mdlalo wenu! Yhuuuuu, ndiphantse ndafa!’ UMama wakhwaza.
‘Uxolo, Ma!’ Satsho ngexesha elinye noRorisang.
Ngoku siziqhelanisa epakini esezantsi ekupheleni kwendlela. Siya phaya noTata xa ebuya emsebenzini.
‘Khumbula, kufuneka ugobe ingalo yakho kancinci,’ utsho kum uRorisang.
‘Uyijikelezisa kanje ibhola.’
‘Ndiyazama, yhoo, kodwa iyaqhubeka nokutyibilika,’ ndiyancwina.
Besisoloko sibukela iividiyo zenkqubo efundisa izakhono zomdlalo we- softball kuYouTube. Ingakumbi mna –uphitshayo – ndibukela indlela yokugoba ibhola ngokugqwesileyo. Ukuze siphumelele umdlalo wethu wesibini, kufuneka ndifumane amaqhinga amatsha ukunyusa umgangatho.
URorisang uqhokra kakuhle, kangangokuba, ukuphantsa ukufa kukaMama kubonisa isakhono sakhe sokuqhokra ibhola.
‘Gcina iminwe yakho phantsi kwebhola,’ utsho uRorisang. ‘Usondeze ingalo yakho kufutshane nomzimba, ngathi ufuna ukuzanga!’
Iividiyo zikaYouTube ziluncedo kakhulu.
Ndiyaqalisa ukusifumana esi sakhono emva kwexesha. Ndiziva ndinokuzithemba kwaye ndikulungele ukuya kudlala kumdlalo olandelayo. Siyaziqhelanisa rhoqo emva kwemini kude kutshone ilanga, sibukelwe nguTata ngokuthe cwaka ephaya ngasemva. Kancinci kancinci ubonisa uluvo lwakhe lwento ayiqaphelayo esebhentshini.
‘Rorisang, kufuneka unyenyise kancinci indlela obamba ngayo! Ukuba ulibamba uliqinise kakhulu iphini, loo nto ithintela indlela yokubetha ibhola iye kude.’
‘Uthetha ukuthini uTata?’ uyabuza uRorisang.
‘Relax-a-nyana. Vuthulula umzimba ukhulule izi- hlunu zakho zingaqini. Kwaye xa ujiwuzisa iphini qinisekisa ukuba umzimba wakho uthambe ngokwaneleyo ukuze ukwazi ukulandela ibhola,’ utsho uTata.
Phambi kokubetha ibhola uRorisang wenza umdaniso wokuzivuthulula.
‘Yiba nomfanekiso ngqondweni wakho usenza loonto qho phambi komdlalo,’ nditsho ndihleka. Kodwa andihleki xesha lide.
Emva kokumjulela ibhola, le ndlela intsha yokubamba iphini imenza ayibethe kakhulu iye esiphelweni sepaki. Kusithatha ixesha elide ukukhangela ibhola ematyholweni.
‘Niyabona,’ uncuma atsho uTata. ‘Kufuneka nje ukhululeke.’
Kukhangeleka ngathi uTata ebesenza uphando ngezakhono zokudlala umdlalo we- s oftball .
Chapter 3
Ithuba lesibini
Ngosuku lomdlalo, ndingxamele ukuya kuzama ukugoba ibhola. Ndifuna ukubona ukuba akukho qhinga ndinokulisebenzisa na ukulahlekisa iqela esikhuphisana nalo lingalazi icala ezakuvela ngakulo ibhola.
Ndikwangxamele nokwazi ukuba ndifuna ukuba ngukapteni onjani na. Yho, ingxolo yelizwi eliporhayo likaTata liyatsho entlokweni yam!
Intshatsheli. Ndikhetha ukuba yintshatsheli. Ukuze igama lam liqaqambe kwinto yonke.
Namhlanje ngumdlalo wethu wokuqala wangaphandle. Sihamba umgama ukuya kufika kwisikolo esikhuphisana naso. Ngumgama nje owaneleyo ukuba uRorisang eze negwijo elitsha. Kudala eqamba amagwijo ukususela ukumka kwethu kwisikolo esidala ukuza kwiThe Cradle. UCoach S uthethe into ngokukhuthazeka ekuqaleni kohambo ngebhasi kwaye imvuselele noRorisang loo nto. Siphele sonke sesicula ingoma yakhe etsha.
'Siyi-The Cradle, The Cradle
nangawaphi na amandla
siyakwazi ukuqhawula iintambo zakho zombane
sikushiye umatsheke kakhulu!’
Usomnci unezakhono. Sonwabile kakhulu ngokwasemoyeni xa singena ebaleni.
Iqela esikhuphisana nalo liqela elilungileyo. Lilunge ngokwenene. Kwaye liyakhawuleza! Iibhola zabo ziza zitshisa kuthi, nathi siziphose. Amatyeli amaninzi. Sonke siyasokola ukubeka imitsi ebhodini, nditsho noRorisang.
Nokuba besihleli emakhaya ke kuba akukho kwanto siyenza kakuhle. Akukho nto isebenzayo. Akusebenzi nebhola egotyiweyo ebendinemincili yokuyizama, nditsho neqela lethu.
Siyabethwa kwakhona. Eish, eish, eish.
Mhla sabethwa kumdlalo wethu wokuqala, uCoach S wasipha ikeyiki ukuvuyisana nathi. Yayiyinto entle le wayenzayo noxa uTata wayeyibona ingumhlola. Andiqinisekanga ukuba uyakusibonisa inceba efanayo kweli ityeli.
‘Yho, besityhafe nangakumbi namhlanje!’ ukhalaza atsho uKyle.
‘Ingaba senza ngcono, xa sibuyela umva?’ ugqabhuka atsho uSizwe.
Ukusineka nje okunyanzelwayo yeyona mpendulo ndiyinikayo. Ukuhlekisa ngendlela esiqhube ngayo yinto yethu, kodwa andinamdla kuyo. Ndibuhlungu kakhulu.
UCoach S akathethi kakhulu emva komdlalo, uyasixelela nje ukuba kumele sisebenze ngcono siliqela. Uhambo olubuyela esikolweni ngebhasi lwahluke kakhulu kolokuya. Asiculi kwaye sithetha manqaphanqapha – nditsho noRorisang ukhangeleka lusizi.
Kunceda ntoni ukuziqhelanisa ngamandla ngolu hlobo xa kanti akuzukwenza mahluko. Iyadika yonke le nto.
Chapter 4
Iigumba-gumba
Esikolweni ngoMvulo, ukuhlaselwa ngendlela esikhutshwe ngayo kusaqhubeka.
Kukho amakhwenkwe amahlanu kwiqela labahlobo bam. UTakalani noNiven bakunye nam kwigumbi lokufundisela likaNkszn Khozi.